Revelation 9:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwatshiwo kuzo ukuti mazingenzakalisi utyani‐bomhlaba, kwa nanye into eluhlaza, kwa namuye umti; kupela mazenzakalise abobantu bodwa abangenaso izincamatiselo sikatixo pezu kwamabunzi abo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathiwa kuzo, ize utyani bomhlaba zingaboni, nanye into eluhlaza, nanye into engumthi; ibe ngabantu bodwa, bona abo bangenalo itywina likaThixo emabunzini abo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waziwisela umthetho wokuba zingoni utyani bomhlaba, nanye into eluhlaza, nanye imithi; kodwa ngamadoda kuphela, angenalo itywina likaThixo emabunzini abo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zaziyalelwe ukuba ze zingayichukumisi ingca, naso nasiphi na isityalo okanye umthi. Zazithunyelwe kubantu ababengaphawulwanga ngophawu lukaThixo ebunzi.