Romans 1:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa anditandi ukuba nibe ningazi, bazalwana! okokuba ndite futi ndacinga ukuza kuni, (kanti ndaxakwa kwada kwakaloku nje,) ukuze ndibe nezixakato napakati kwenu, njengapakati kwabo nabanye abaheyideni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Andithandi ke ukuba ningazi, bazalwana, ukuba kufuthi ndizimisela entliziyweni yam ukuza kuni (ndathintelwa kwada kwanamhla), ukuze ndibe nasiqhamo sithile naphakathi kwenu, kwanjengaphakathi kwezinye iintlanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke andithandi ukuba ningazi, bazalwana, ukuba kufuthi ndizimisela entliziyweni yam ukuza kuni (ndathintelwa kwada kwanamhla), ukuze ndibe nasiqhamo sithile naphakathi kwenu, kwanjengaphakathi kwezinye iintlanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke, mawethu, ndifuna ukuba niyiqonde into yokuba kudala ndazimisela ukunihambela, kodwa ndaba soloko ndithintelwa kwada kwanamhla. Bendifuna ziqhamo zithile zeendaba ezimnandi naphakathi kwenu, kwanjengaphakathi kwezinye iintlanga.