Romans 1:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ndingenantloni ngayo ivangeli ka‐Kristu: ngokuba ingamandla katixo lube lusindiswa kubo bonke abakolwayo; kwa kuye um‐Juda ukuqala, nakuye um‐Girike.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba andinazintloni ngazo iindaba ezilungileyo zikaKristu;kuba zingamandla kaThixo okusindisa bonke abakholwayo, umYuda kuqala, kwanomGrike.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kaloku andinazintloni ngazo iindaba ezimnandi zikaKrestu, kuba zingamandla kaThixo okusindisa bonke abakholwayo, kumYuda kuqala, kwanakumGrike.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Andinazintloni ngazo iindaba ezimnandi zikaKrestu. Zingamandla kaThixo okusindisa bonke abakholwayo, umJuda kuqala, kwanowolunye uhlanga ngokunjalo.