Romans 1:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba izinto zake ezingabonekiyo ziqiqwa kwa sekudalweni kwelizwe, ziqondwa ngezinto ezenziweyo, kwa amandla ake angunapakade nobutixo bake; ukuze bangabi nakulandula;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba kwasekudalweni kwehlabathi, iindawo zakhe ezibe zingenakubonwa zibonwa kakuhle, ziqondeke, ngezinto ezenziweyo, kwa-amandla akhe angunaphakade, nobuThixo bakhe, ukuze bangabi nakuziphendulela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba kwasekudalweni kwehlabathi, iindawo zakhe ezibe zingenakubonwa zibonwa kakuhle, ziqondeke, ngezinto ezenziweyo, kwa-amandla akhe angunaphakade, nobuThixo bakhe, ukuze bangabi nakuziphendulela;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku imo engabonwayo kaThixo – ndithetha amandla akhe angapheliyo kwanobuThixo bakhe – ibonakala kakuhle kwasekudalweni kwehlabathi. Kaloku iqondakala ngezinto azenzileyo uThixo. Ngenxa yoko abantu abanasiphephelo mpela.