Romans 11:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ukuba inxenye yamasebe yapulwa, nawe, ungumnquma wasendle nje, wamiliselwa pakati kwawo, waza wabelwa kwingcambo nakukutyeba kwomnquma kunye nawo,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ukuba inxenye yamasebe yaxhuzulwa, wathi ke wena, ungumnquma wasendle nje, wamiliselwa phakathi kwawo, waba lidlelane nengcambu nokutyeba komnquma:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba inxenye yamasebe yavuthululwa, wathi ke wena, ungumnquma wasendle, wamiliselwa phakathi kwawo, wabelana nawo ngeengcambu nasekutyebeni komnquma;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Inxalenye yamasebe omnquma yaqhuzulwa kwamiliselwa amasebe omnquma wasendle esiqwini sawo. Nina ke, zintlanga, ningaloo masebe omnquma wasendle. Nanikwa inxaxheba kwincindi yeengcambu eziphilileyo zomnquma.