Romans 11:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utixo akabalahla abantu bake obebazi kwa pambili. Anikwazi na oko sikutsho isiba̔lo kuyo imbali ka‐Elija, — okokuba uyakalazela kutixo ngo‐Sirayeli, esiti:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UThixo akabagibanga bona abantu bakhe, abebazi ngenxa engaphambili. Okanye aniyazi na indawo ethetha ngoEliya esibhalweni, ukumangalela kwakhe amaSirayeli kuThixo, esithi,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uThixo akabagibanga bona abantu bakhe, abebazi ngenxa engaphambili. Aniyazi na into esiyithethayo isibhalo ngoEliya? ukuba awangxengxezeleyo kuThixo ngoSirayeli, esithi,
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UThixo akabalahlanga abantu bakhe awabanyula mhlamnene. Kaloku niyayazi *eziBhalweni indawo apho uEliya awamangalela khona kuThixo amaSirayeli, esithi: