Romans 11:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kulungile ke: ngenxa yokungakolwa kwawo apulwa wona, nawe umi ngokukolwa kwako. Ungaqanqalazi, uti woyike:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utyaphile; axhuzulwa ngokungakholwa, ke wena umi ngokholo;musa ukukratsha, yoyika.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke; aqhuzulwa ngenxa yokungakholwa, ke wena umi ngokwaselukholweni; musa ukukratsha, yoyika;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Unyanisile, aqhuzulwa ngenxa yokuba engakholwa, ke wena umi apho umiliselwe khona ngenxa yokuba ukholwa. Musa ke ukuba nekratshi, koko yoyika.