Romans 11:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ndingatandi, bazalwana! ukuba nibe ningayazi imfihlakalo le, ukuze ningaziqa̔yiseli ngobulumko; yokokuba ubulukuni buhlele o‐Sirayeli ngenxenye, kude kungene ukuzaliseka kwabaheyideni;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba andithandi, bazalwana, ukuba ningayazi le mfihlelo, ukuze ningabi ziingqondi ngokwenu: le yokuba ukuqaqadeka kuwahlele amaSirayeli ngenxenye, ide ingene inzaliseko yazo iintlanga;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba andithandi, bazalwana, ukuba ningayazi le mfihlelo, ukuze ningabi ziingqondi ngokwenu; ukuba ukuqaqadeka kuwahlele amaSirayeli ngenxenye, ide ingene inzaliseko yazo iintlanga;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mawethu, andithandi ukuba ningayazi le mfihlakalo, hleze nizicingele ukuba niziingqondi, le yokuba inxalenye yamaSirayeli yoqaqadeka lide inani elizeleyo leentlanga liphelele.