Romans 12:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ninggazipindezeleli ngokwenu, batandwa! niti ninike indawo kuwo umsindo; ngokuba kuba̔liwe ukuti: Kukokwam ukupindezela, kwobuyekezwa ndim; utsho uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Musani ukuziphindezelela, zint anda; yikhweleleni ingqumbo; kuba kubhaliwe kwathiwa, Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zintanda, musani ukuziphindezelela, yikhweleleni ingqumbo; kuba iziBhalo zithi: “Impindezelo yeyam; kuya kubuyekeza mna, utsho uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zihlobo, musani ukuziphindezela ngokwenu. Impindezelo yiyekeleni ingqumbo kaThixo, njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi.”