Romans 12:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ndisiti, ngalo ufefe endanikwa lona, kubo bonke abakoyo pakati kwenu, mabangakumbuli ngokupezulu koko bafanele ukukumbula ngako, koko mabakumbule ngokutelekelela, njengokuba utixo wabele abanye ngabanye isilinganiselwa sokolo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba ngalo ubabalo endababalwa ngalo, ndithi kubo bonke abaphakathi kwenu, mabangazicingeli ngaphezu koko bamelwe kukuzicingela ngako; mabazicingele ingcinga ephilileyo, njengoko uThixo abele ulowo nalowo umlinganiso wokholo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngalo ubabalo endababalwa ngalo ndithi kuni nonke: Musani ukuzicingela ngaphezu koko umntu amelwe kukuzicingela ngako; mabacinge ingcinga ephilileyo, njengoko uThixo abele ulowo umlinganiso wokholo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngalo ubabalo endababalwa ngalo ndithi kuni nonke: Musani ukuzicingela ngaphezu koko umntu amelwe kukuzicingela ngako. Ndaweni yaloo nto yibani neengcinga ezithobekileyo. Elowo nalowo makazikhuthaze ngokokholo aluphiwe nguThixo.