Romans 13:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba abapati bengesisoyikiso kuyo imisebenzi elungileyo, basiso kuyo ekohlakeleyo. Utanda ke na ukuba ungabi nakwoyika lona igunya? yenza oko kulungileyo, wauya kuzuza udunyiswa kwa kulo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba abaphathi aba asingabokoyikwa kwimisebenzi elungileyo, ngabokoyikwa kwemibi. Unga akungeloyiki na ke igunya? Yenza okulungileyo, wodunyiswa kwalilo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba abaphathi aba asingabokoyikwa kwimisebenzi elungileyo, ngabokoyikwa kwemibi, ungawoyiki na ke amandla? yenza okulungileyo, wodunyiswa kwalilo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku abaphathi aba aboyikeki kubantu abalungisayo, boyikeka kwabonayo. Ukuba ufuna ukungamoyiki osemagunyeni, yenza okulungileyo, yaye ke uya kukuncoma.