Romans 13:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba umpati engumkonzi katixo kuwe kube kokulungileyo. Kodwa xeshekweni ukwenza oko kukohlakeleyo, yoyika; ngokuba engafumani apate isiṙele: ngokuba engumkonzi katixo, umpindezeli kube ngumsindo kulowo ukwenza okukohlakeleyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kuba lingumlungiseleli kaThixo, wokuba kulungele wena. Ke, ukuba usuka wenze okubi, yoyika; kuba alifumane laliphatha ikrele, kuba lingumlungiseleli kaThixo, umphindezeli ngengqumbo kowenza okubi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
kuba lingumlungiseleli kaThixo, wokuba kulungele wena. Ke, ukuba uthe wenza okubi, yoyika; kuba alifumane aliphathe ikrele; kuba lingumlungiseleli kaThixo, umphindezeli ngengqumbo kowenza okubi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku abasemagunyeni zizicaka zikaThixo, khon' ukuze kulungelwe kwawena. Kodwa, ukuba uthe wenza into embi yoyika, kuba abasemagunyeni banikwe igunya lokohlwaya. Kaloku bazizicaka zikaThixo; bayaphindezela, bamohlwaye lowo wonayo.