Romans 13:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nikelani ngoko kubo bonke oko kufanele bona: ube ngumnikelo ko fanele umnikelo; ibe yincamlo ko fanele incamlo; lube lulwoyiko ko fanele ulwoyiko; ibe yimbeko ko fanele imbeko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoko bonke banikeni okubafaneleyo; mnikeni irhafu ofanelwe yirhafu, unikelo ofanelwe lunikelo, ukoyika ofanelwe kukoyikwa, imbeko ofanelwe yimbeko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke bonke banikeni okubafaneleyo: lowo kufuneka irhafu kuye, mnike irhafu; isiko kubani; ukoyika kofanelwe kukoyikwa; imbeko kofanelwe yimbeko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke bonke banikeni okubafaneleyo – irhafu kofanelwe yirhafu, umrhumo kofanelwe ngumrhumo, ukuhlonitshwa kofanelwe kukuhlonitshwa, imbeko kofanelwe yimbeko.