Romans 13:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba oku: Akuyi kuṙexeza; akuyi kubulala; akuyi kuba̔; akuyi kunqi̔na ubunqi̔na obubuxoki; akuyi kunqwenela; nokuba kuko omnye umyalelo, uyafinyezelwa kwesisiteto, kwesokuti: Uyakutanda ummelwane wako njengokuzi tanda kwako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba oku kuthi, Uze ungakrexezi, uze ungabulali, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, uze ungakhanuki, nokuba kukho wumbi umthetho, uhlanganiselwe kweli lizwi lokuthi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba oku kuthi, Uze ungakrexezi, uze ungabulali, uze ungebi, uze ungangqini ubuxoki, uze ungakhanuki; Ukuba ke kukho wumbi umthetho, uqondwa ngokufutshane kweli lizwi lokuthi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Imiyalelo ethi: “Uze ungakrexezi, uze ungabulali, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, uze unganqweneli,” nokuba nguwuphi umyalelo ongomnye, ushwankathelwa ngelithi: “Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.”