Romans 14:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Masingabi sagwebana ngoko; niti ngokukumbi nigwebe ukuti aniyi kubekela umzalwana isiku̔bekiso nesiwiso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Masingabi sagwebana ngoko; kanye yithini ukugweba, makungabekwa siwiso, nasikhubekiso, phambi komzalwana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke masingabi sagwebana, kodwa makungabikho bani ubeka isikhubekiso okanye umkhubekiso komnye nomnye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Masingabi sagwebana ke – ndaweni yaloo nto masizimisele ukungenzi nanye into enokumkhubekisa imwise esonweni umwethu.