Romans 14:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ungawuci̔ti ngenxa yokudla umsebenzi katixo. Zonke izinto okunene zicocekile; noko kukohlakele kulowamntu otyayo ngokuku̔bekisa omnye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Musa ukuthi, ngenxa yokudla, uwuchithe umsebenzi kaThixo.Okunene, konke kuhlambulukile; kodwa ke kubi kuloo mntu uthi ngokudla akhubekise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Musani ukuwuchitha umsebenzi kaThixo ngenxa yokutya. Zonke izinto okunene zinyulu; kodwa kubi kuloo mntu udlayo esikhubekisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Musa ukuthi ngenxa yokutya uwuchithe umsebenzi kaThixo. Okunene konke ukutya kunyulu, kodwa kuba yinto embi kulowo uthi ngenxa yokutya abe sisikhubekiso komnye.