Romans 14:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa yena otandabuzayo, xeshekweni atyayo usel’ egwetywa, kuba enga tyi ngokolo: nako konke okungengokolo, kusisono.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke lowo uthandabuzayo, ukuba uthe wadla, uselegwetyiwe, kuba engadli ngokwaselukholweni; konke ke okungekokwaselukholweni kusisono.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke lowo uthandabuzayo, ukuba uthe wadla, uselegwetyiwe, kuba engadli ngokwaselukholweni;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke lowo uthandabuzayo xa atyayo, selegwetyiwe, kuba akatyi ekholwa. Yonke ke into ayenzayo umntu engaqinisekanga ukuba iyamkholisa uThixo isisono.