Romans 15:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwanga kulungile kubo; kanjalo banetyala kuwo. Ngokuba abaheyideni ukuba babelwe izinto zawo ezibumoya, bafanelwe kuko nokuba bakonze kuwo ezintweni ezibunyama.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndithi kwakholeka kubo, kuba kakade banetyala kubo. Kuba iintlanga, xa zadlelanayo nabo ngezinto zabo ezizezomoya, zifanele ukubabusela ngezizezenyama.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Inene, kukholekile kubo; banetyala kubo. Kuba iintlanga, xa zadlelanayo nabo ngezinto zabo ezizezomoya, zikwafanele ukubabusela ngezizezenyama.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Benjenjalo kuba babemelwe kakade kukwenjenjalo. Kaloku ekubeni amakholwa angamaJuda ethe anikela ngezinto ezizezoMoya kwiintlanga, kufanelekile ukuba namakholwa aziintlanga anikele kumaJuda ngezinto zokuxhasa ubomi.