Romans 16:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba abanjalo bengakonzi inkosi yetu u‐Yesu Kristu, koko bekonza isisu sabo; bati kanjalo ngamazwi amnandi nangeziteto ezibongayo bazilukuhle intliziyo zabangenamamenemene.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba abanjalo abakhonzi yona iNkosi yethu uKristu, bakhonza esabo isisu; baze, ngamazwi anencasa nalalanisayo, balukuhle iintliziyo zabangazani nabubi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba abanjalo abakhonzi yona iNkosi yethu uYesu Kristu, bakhonza esabo isisu; baze, ngamazwi anencasa nalalanisayo, balukuhle iintliziyo zabangazani nabubi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu abanjalo àbakhonzi yona iNkosi yethu uYesu Krestu. Hayi, basebenzela izisu zabo. Ngamazwi abo amnandi bayakhohlisa, balukuhle iintliziyo zabantu abanyulu.