Romans 16:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ukuva kwenu kuvakele kubo bonke abantu. Ndiyavuya ngoko pezu kwenu: kodwa ndinga ningaba ngabalumkileyo ngakuko okulungileyo, nabangenamaqokolo ngakuko okukohlakeleyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba ukululama kwenu kuye kwafika kubo bonke. Ndiyavuya ngoko ngani; ndinga ke ningaba ngabalumkileyo okunene kokulungileyo; kodwa nibe ngabangenabuqhinga kokubi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ukululama kwenu kuye kwafika kubo bonke. Ndiyavuya ngoko ngani; ndinga ke ningaba ngabalumkileyo okunene kokulungileyo; kodwa nibe ngabangenabuqhinga kokubi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bonke bavile ngokumlulamela kwenu uKrestu; into ke leyo endivuyisayo ngani. Ndinga ke ningaba zizilumko okunene kokulungileyo; kodwa ningabi zizo kokubi.