Romans 16:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuze nimamkele enkosini ngokufanele abangcwele, nokuba nimncede emcimbini asukuba efuna ukunceda kwenu kuwo: ngokuba yena naye ebengumsizi wabaninzi, nowam kanjalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuze nimamkele ngokwaseNkosini, ngokufanele abangcwele, nimncede emcimbini asukuba enifunela wona; kuba naye ubengumongi wabaninzi, nowam lo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ukuze nimamkele ngokwaseNkosini, ngokufanele abangcwele, nimncede emcimbini asukuba enifunela wona; kuba yena ubengumongi wabaninzi, nowam lo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mamkeleni egameni leNkosi njengokuba nifanele ukwenjenjalo ningabantu bakaThixo nje. Mncedeni emicimbini asukuba efuna uncedo lwenu kuyo, kuba naye ngokwakhe wanceda abantu abaninzi, endingomnye wabo nam lo.