Romans 2:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba kungengabo abapulapuli bomteto abalungile pambi kwotixo, kungabo abenzi bomteto abaya kugwetyelwa:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kuba asingabanela ukuba ngabaphulaphuli bawo umthetho, abangamalungisa kuThixo; ngabenzi bawo umthetho abaya kugwetyelwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba angabevayo umthetho asingabo abangamalungisa phambi koThixo; kodwa abenzi bomthetho abaya kugwetyelwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku abantu abalungileyo ngokukaThixo asingabo abo bawuva nje umthetho bangayenzi into oyithethayo. Ngabo bayenzayo into eyalelwa ngumthetho abangamalungisa.