Romans 2:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba okuya abaheyideni, abangenamteto, bazenza ngemvelo izinto zomteto, aba, nakuba bengenamteto, bangumteto kwa kubo ngokwabo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba xa abeentlanga bathi, bengenamthetho, benze ngemvelo okomthetho, abo, bengenamthetho nje, bangumthetho kubo ngokwabo:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba xa abeentlanga abangenamthetho, besenza ngemvelo izinto ezisemthethweni, abo bengenawo umthetho, bangumthetho kubo ngokwabo:
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu abangengomaJuda àbanawo umthetho kaMosis; kodwa xa bathe ngokwemvelo bahamba ngokomthetho, bangumthetho ngokwabo, nangona bengenawo umthetho kaMosis.