Romans 2:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ekubeni babonakalisayo umsebenzi womteto oba̔liweyo ezintliziyweni zabo, isazeliso sabo sinqi̔nelana nawo, nenkumbulo zabo ezinye nezinye zibanika ityala, okanye zibatetelela:—
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
bona bawubonakalalisayo umsebenzi womthetho, ubhalwe ezintliziyweni zabo, sibe isazela sabo singqinelana nawo, zibe izicamango zabo zimangalelana, ziphathe kuziphendulela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
abawubonakalalisa umsebenzi womthetho obhalwe ezintliziyweni zabo, singqinela isazela sabo, singqinelane nesazela sabo, neecamango zabo ziyamangalelana, nokuba ziyabagweba;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuziphatha kwabo kubonakalisa ukuba ngemvelo bayakwazi okusemthethweni. Nezazela zabo ziyakungqina oku, kuba ngamanye amaxa ziyabagweba, zize ngawambi zibagwebele.