Romans 2:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ukwaluka kunceda okunene, xeshekweni uwenza umteto; kodwa xeshekweni ungumgqiti womteto, ukwaluka kwako kwenziwe ukungaluki.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba ulwaluko luyanceda okunene, ukuba uyawenza umthetho;kodwa ukuba ungumgqithi womthetho, ulwaluko lwakho lusuke lwaba kukungaluki.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ulwaluko luyanceda okunene, ukuba uyawenza umthetho; kodwa ukuba ungumgqithi womthetho, ulwaluko lwakho lusuke lwaba kukungaluki.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ulwaluko luyanceda okunene ukuba uyawugcina umthetho kaMosis. Kodwa ukuba uyawaphula umthetho, ulwaluko lusuka lufane nokungaluki.