Romans 3:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngenxa yokuba kungayi kugwetyelwa namnye umntu ebusweni bake ngemisebenzi yomteto: ngokuba ngawo umteto kuko ukwaziwa kwesono.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokokuba, ngokwasemisebenzini yomthetho, akuyi kugwetyelwa nyama emehlweni akhe; kuba isono saziwe ngokubakho komthetho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke, ngokwasemisebenzini yomthetho, akuyi kugwetyelwa nyama emehlweni akhe; kuba isono saziwe ngokubakho komthetho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku akukho mntu uya kuba lilungisa kuThixo ngakugcina kwakhe umthetho; into eyenziwa ngumthetho kukwazisa abantu ngesono.