Romans 3:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yinina pofu? si ba gqitisele na? Nakanye: ngokuba sise simisile ityala kwa kuma‐Juda nakuma‐Girike, lokuba onke apantsi kwesono;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuthiweni na ke? Sinomkhusane na? Hayi, unakanye! Kuba besesiwamisele ityala amaYuda kwanamaGrike, lokuba baphantsi kwesono bonke;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuthiweni na ngoko? Ngaba thina sibhetele kunabo? Hayi, nakanye! Kuba besesiwamisele ngenxa engaphambili amaYuda kwanamaGrike, ukuba baphantsi kwesono bonke;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke, ngaba thina maJuda silungile na kunabanye? Hayi, nakanye! Kaloku sendiwatyholile amaJuda kwanabezinye iintlanga ndisithi basesonweni bebonke,