Romans 4:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wamkela upa̔u lwokwaluka, isincamatiselo sokokulunga kwokolo abenalo ekungalukini kwake: ukuze abe nguyise wabo bonke abakolwayo besekungalukini; ukuba ukulunga kubalelwe kubo nabo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza wamkela umqondiso wolwaluko, waba litywina lokuqinisa ubulungisa bokholo abenalo esekungalukini: ukuba abe nguyise wabo bonke abakholwayo besekungalukini, ukuze ubulungisa bubalelwe nakubo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza wamkela umqondiso wolwaluko, waba litywina lokuqinisa ubulungisa bokholo awayenalo esekungalukini, ukuze abe nguyise wabo bonke abakholwayo besekubeni bengalukanga; ukuze babalelwe kubo ubulungisa;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku wathi engekaluki uAbraham, ekholwa kodwa, wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo; waza waluka emva koko. Olu lwaluko ke lwaba luphawu olusisiqinisekiso sobulungisa bakhe. Ngale ndlela ke uAbraham nguyise wabo bonke abathe bakholwa kuThixo, baza benziwa amalungisa nguye nangona bangalukanga.