Romans 4:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
noyise wabanokwaluka, kwabangengabo basekwalukeni kodwa, koko kwabati kanjalo bahambe emikondweni yokolo lwobawo wetu u‐Abrahame abenalo ekungalukini kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nokuthi abe nguyise wabalukileyo, abanganele ukuba ngabalukileyo nje kodwa; abathi phezu koko bahambe emkhondweni wokholo lobawo wethu uAbraham, abenalo esekungalukini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
abe nguyise wabalukileyo, kungengabolwaluko bodwa;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukwanguyise wabalukileyo abanganelanga kwaluka nje, kodwa abathe ngokukholwa kuThixo bahamba ekhondweni lika-Abraham, owakholwa engekaluki.