Romans 4:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba abo basemtetweni ukuba bazindlalifa, ukolo lwenziwe into engento yanto, nedinga litshitshisiwe:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba abo basemthethweni, ukuba ngabo iindlalifa, ukholo lungaba lwenziwe into engento, nedinga lingaba liphuthisiwe;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba abo basemthethweni, ukuba ngabo iindlalifa, ukholo lungaba lwenziwe into engento, nedinga lingaba liphuthisiwe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku ukuba ilifa lifunyanwa kuphela ngâbo bawuthobelayo umthetho, ukukholwa koba kwenziwe into engento, nesithembiso eso singaba sitshitshisiwe.