Romans 4:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngenxa yoku ilifa lelaselukolweni, ukuba libe ngofefe; ukuze idinga libe liqinisekile kuyo yonke inzalo, kungabi kuleyo yasemtetweni yodwa, kube nakuleyo yaselukolweni luka‐Abrahame; ongubawo wetu sonke,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa yoku, ilifa lelaselukholweni; ukuze libe ngokobabalo; ukuze idinga liqiniseke kuyo yonke imbewu; lingabi kweyasemthethweni yodwa, libe nakweyaselukholweni luka-Abraham, ongubawo wethu sonke
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke ilifa liphuma elukholweni, ukuze libe ngokobabalo; ukuze idinga liqiniseke kuyo yonke imbewu; kungekuphela nje abo basemthethweni, kodwa kwanabo baselukholweni luka-Abraham; ngubani ubawo wethu sonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke ilifa lifunyanwa ngokukholwa, oko kukuthi ngesisa. Ngale ndlela isithembiso simiselwe yonke inzala ka-Abraham. Le nzala ke asingabo nje abo bawugcinayo umthetho, kodwa ikwangâbo bakholwayo njengaye. Kaloku uAbraham ngubawo wethu sonke,