Romans 4:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Obubutamsanqa ke butetwa pezu kwabanokwaluka na, butetwa napezu kwabanokungaluki kusinina? ngokuba sisiti ukolo lwabalelwa u‐Abrahame lube kukulunga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Olo luyolo ngoko lunconywayo lulolwabolwaluko bodwa na?Asilulo olwabo bangebolwaluko nabo na? Kuba sithi, kuAbraham ukholo lwabalelwa ebulungiseni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Olu luyolo ngoko lunconywayo lulolwabolwaluko bodwa na? Asilulo olwabo bangebolwaluko nabo na? Kuba sithi, kuAbraham ukholo lwabalelwa ebulungiseni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaba olu yolo lolwamaJuda kuphela? Hayi, lukwalolwazo neentlanga, kuba iziBhalo zithi: “UAbraham wakholwa kuThixo, waza ngenxa yoko wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo.”