Romans 5:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngenxa yoku, njengokuba isono sangena elizweni ngaye umntu emnye, nokufa ngaso isono; kwaza ngokunjalo ukufa kwacandela kubo bonke abantu, ngokokuba bonke bebonile:—
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa yoko, njengokuba isono sangena ngamntu mnye ehlabathini, kwangena ke ukufa ngaso isono; kwaza ngokunjalo ukufa kwabatyhutyha abantu bonke, ekubeni bonke bonayo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa yoko, njengokuba isono sangena ngamntu mnye ehlabathini, kwangena ke ukufa ngaso isono; kwaza ngokunjalo ukufa kwabatyhutyha abantu bonke, ekubeni bonke bonayo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Njengoko isono sangena ehlabathini ngenxa yomntu omnye, ukufa kwangena ngaso isono. Ngokunjalo ke nokufa kwalutyhutyha lonke uluntu, kuba bonke abantu bôna.