Romans 5:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Noko ukufa kwapata ubukosi kwa ku‐Adame kwada kwaku‐Mosesi, kwa pezu kwabo babengonanga ngesigqito esifana nesika‐Adame, ongumfanekiselo walowo obeza kuza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukufa ke kwalawula, kuthabathela kuAdam kwezisa kuMoses, nakwabo bangonanga ngokufana nesigqitho sika-Adam, oyintsobi yalowo ubeza kubakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ukufa kwalawula, ukususela kuAdam kwezisa kuMoses, nakwabo bangonanga ngendlela efana nesigqitho sika-Adam, ongumfanekiselo walowo ubeza kubakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ukufa kwakutshatshele ukususela kuAdam kwada kwaya kuthi gaa kuMosis, nakwabo basono singafani nesika-Adam. Lo Adam ke wayengumfuziselo waloo Mntu wayeza kufika.