Romans 5:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko kungenjengokuba sinjalo isiposo, ukuba sinjalo nesipo sofefe. Ngokuba, ukuba ngesiposo somnye bafa abaninzi, kukakulu ngakumbi lute ufefe lukatixo nolupo lwake lwakolisa ukwandela abaninzi ngofefe olulolwomnye umntu engu‐Yesu Kristu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Sisuke isiphoso asaba njengoko sinjalo sona isibabalo.Kuba, xa abaninzi aba bafa sisiphoso salowo mnye, kokukhona ubabalo lukaThixo, nesipho esingobabalo olu lwalo mntu mnye, uYesu Kristu, saphuphumela kubo abaninzi aba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa ke sona isipho asibanga njengesiphoso. Kuba, xa abaninzi bafa sisiphoso somnye, kokukhona ubabalo lukaThixo, nesipho esingobabalo olu, esa ngamntu mnye, uYesu Kristu, lwaphuphumela kubo abaninzi aba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa isono sika-Adam asinakulinganiswa nesisa sikaThixo. Kaloku naxa kwafa abantu abaninzi nje ngenxa yesono salowo mnye unguAdam, lona ubabalo lukaThixo esalufumana ngaloo mntu mnye unguKrestu, lwaphuphumela kubantu abaninzi ngakumbi.