Romans 5:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako akunjengokuba kunjalo ngaye omnye owonayo, ukuba sinjalo isipiwo: ngokuba umgwebo unge siposo sinye kube kukugwetywa, kodwa isipo sofefe singeziposo ezininzi kube kukugwetyelwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kanjalo sona isipho asinjengokuba kwaba njalo ngalowo mnye wonayo. Kuba okunene isigwebo seza ngenxa yalowo mnye, sesa ekugwetyweni; ke sona isibabalo seza ngenxa yeziphoso ezininzi, sesa ekugwetyelweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kaloku isipho sesiphoso asinjengokuba kwaba njalo ngalowo mnye wonayo. Kuba okunene isigwebo seza ngenxa yalowo mnye, sesa ekugwetyweni; ke sona isibabalo seza ngenxa yeziphoso ezininzi, sesa ekugwetyelweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kanti ke isiqhamo sesipho sikaThixo asinakulinganiswa nesiphumo sesono saloo mntu. Kaloku isiphumo sesono saloo mntu saba kukugwetywa, kodwa isiqhamo sesisa sikaThixo esabakho ngenxa yezono ezininzi, saba kukukhululwa kwabantu.