Romans 5:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba, ukuba ngesiposo somnye ukufa kwapata ubukosi ngaye omnye lowo, kukakulu ngakumbi baya kuti abo babamkelayo ubuninzi bofefe nopiwo lwobulungisa bapate ubukosi ebomini ngaye omnye ongu‐Yesu Kristu. —
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba, xa kwathi ngesiphoso salowo mnye ukufa kwalawula ngalowo mnye, kokukhona baya kuthi aba bakwamkelayo ukuphuphuma kobabalo, noko kuphiwa ubulungisa, babe nokulawula ebomini ngaye lo umnye, uYesu Kristu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kaloku xa kwathi ngesono samntu mnye ukufa kwalawula ngalowo mnye; kobeka phi na ke abamkela ukuphuphuma kobabalo, noko kuphiwa ubulungisa, baya kulawula ebomini ngaye lo umnye, uYesu Kristu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba ukufa kwakutshatshele ngenxa yesono saloo mntu, abo balwamkelayo ubabalo oluphuphumayo kwanesipho sokwenziwa amalungisa, baya kudla ubomi ngokugqithisileyo ngaloo mntu mnye unguYesu Krestu.