Romans 6:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndiyateta njengokwabantu ngenxa yobulwelwe benyama yenu. Ngokuba njengokuba amalungu enu nawamisela ukuba zizicaka ekunco̔leni nasekukohlakaleni kube kukukohlakala, kwa njalo kaloku miselani amalungu enu ukuba zizicaka ebulungiseni kube bubungcwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndithetha ngokwabantu, ngenxa yobulwelwe benyama yenu;kuba, njengoko nawanikelayo amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi bako ukungcola nokuchasa umthetho, ukuba nichase umthetho:ngokunjalo kalokunje, wanikeleni amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi kubo ubulungisa, ukuba ningcwaliseke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndithetha ngokwabantu, ngenxa yobulwelwe benyama yenu; kuba njengoko nawanikelayo amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi bako ukungcola nokuchasa umthetho, ukuba nichase umthetho; ngokunjalo ke ngoku, wanikeleni amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi kubo ubulungisa, ukuba ningcwaliseke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenxa yobuthathaka bemvelo yenu mandingantsonkothi. Njengoko nanizinikele ngokupheleleyo ukuba nenze ukungcola nokwaphula umthetho, nize nichasane nomthetho; ngokunjalo ke nangoku zinikeleni ngokupheleleyo ukuze nenze okulungileyo, khon' ukuze nahluke.