Romans 6:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba umvuzo wesono ukukufa; kodwa isipo sofefe sikatixo sibubomi obungunapakade ngo‐Yesu Kristu inkosi yetu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba umvuzo wesono kukufa; ke sona isibabalo sikaThixo bubomi obungunaphakade, kuKristu Yesu iNkosi yethu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kaloku umvuzo wesono kukufa; ke sona isipho sikaThixo bubomi obungunaphakade, kuKristu Yesu iNkosi yethu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Isono sinomvuzo: samkelisa ukufa; ke sona isipho asibabala ngaso uThixo ngokumanywa kwethu noKrestu Yesu iNkosi yethu, bubomi obungonaphakade.