Romans 7:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ANAZI na, bazalwana! (ngokuba nditeta kwabawaziyo umteto,) okokuba umteto unobukosi pezu kwomntu lonke ixesha asahlala ngalo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Anazi na, bazalwana (kuba ndithetha kwabawaziyo umthetho), ukuba umthetho umphatha ngobukhosi umntu ngexesha lonke adla ubomi ngalo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Anazi na, bazalwana (kuba ndithetha kwabawaziyo umthetho), ukuba umthetho umphatha ngobukhosi umntu ngexesha lonke adla ubomi ngalo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mawethu, ndithetha nabantu abawaziyo umthetho welakowethu; niyazi ukuba umntu uphantsi kwegunya lomthetho kuphela ngeli xesha adla ubomi ngalo.