Romans 7:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Pofu oko kulungileyo kwaba kukufa na kum? Kwanga kungebe njalo! koko isono saba kukufa kum, ukuze sibonakale ukuba sisono, sindenzela ukufa ngako okulungileyo; ukuze isono ngawo umyalelo sibe sibubono ngento egqitisileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Oko ke kulungileyo kwaba kukufa na ke kum? Nakanye! Saye sisisono; ukuze sibonakale sisisono, sisebenza ukufa kum ngoko kulungileyo; ukuze isono ngawo umthetho sibe sisono ngokuncamisileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oko ke kulungileyo kwaba kukufa na ke kum? Makube lee oko. Isono ke, ukuze sibonakale sisisono, sisebenza ukufa kum ngako oko kulungileyo; ukuze isono ngawo umthetho sibe sisono ngokuncamisileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umthetho ulungile nje, ungaba kukufa kum? Nakanye! Sisono esaba kukufa kum. Sona sisebenzise into elungileyo ukundizisela ukufa, saza ke sacaca into esiyiyo, khon' ukuze ngomthetho isono sibonakale sisisono ngakumbi nangakumbi.