Romans 7:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba umfazi opantsi kwendoda ebotshiwe ngumteto kwindoda yake nxa isahleliyo; kodwa xeshekweni indoda ifileyo, ukululwe kuwo umteto wendoda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba umfazi owendileyo, ubotshiwe ngumthetho kwindoda yakhe, lo gama idla ubomi; ukuba ke ithe yafa indoda, ukhululekile kuwo umthetho ombophe endodeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba umfazi owendileyo, ubotshiwe ngumthetho endodeni yakhe, lo gama idla ubomi; ke ukuba ithe yafa indoda, ukhululekile kuwo umthetho wendoda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku umfazi owendileyo ubotshelelwe ngumthetho endodeni yakhe, eli lixa idla ubomi; kodwa ukuba ithe yafa indoda, ukhululekile kuwo umthetho ombophelela endodeni yakhe.