Romans 7:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndiyabulela kutixo ngaye u‐Yesu Kristu inkosi yetu. Ngako ke mna ngokwam nditi ngoluvo ndikonze emtetweni katixo, kodwa ngenyama, emtetweni wesono.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiyabulela kuThixo ngoYesu Kristu, iNkosi yethu. Ngoko ke mna ngokwam ngayo ingqiqo okunene ndikhonza umthetho kaThixo;kodwa ngayo inyama ndikhonza umthetho wesono.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiyambulela uThixo ngoYesu Krestu iNkosi yethu. Ngoko ke mna ngokwam ngayo ingqiqo okunene ndikhonza umthetho kaThixo; kodwa ngayo inyama umthetho wesono.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiyambulela uThixo ngoYesu Krestu iNkosi yethu! Nantsi ke imeko endikuyo: Ngokuphathelele kwendikwaziyo entliziyweni yam, okunene ndikhonza uThixo; kodwa ngokwesimo sam esonakeleyo, ndikhonza isono.