Romans 7:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako ke, ukuba uba ngowenye indoda, nxa isahleli indoda yake, uya kubizwa ngokuba liṙexezakazi: kodwa xeshekweni indoda yake ifileyo, ukululekile kuwo umteto lowo; ukuze angabi lilo iṙexezakazi, nakuba aba ngowenye indoda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoko ke, ukuba uthe waba kuyimbi indoda, yakubon ukuba indoda yakhe isadla ubomi, kothiwa ngumkrexezikazi. Ke ukuba ithe yafa indoda yakhe, woba ukhululekile kuwo umthetho, ukuba angabi mkrexezikazi, ethe waba kuyimbi indoda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke, ukuba uthe waba kuyimbi indoda, yakubon’ ukuba indoda yakhe isadla ubomi, kothiwa ngumkrexezikazi, ukuba angabi mkrexezikazi, ethe waba kuyimbi indoda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke, ukuba umfazi uthe waba ngowenye indoda isaphila indoda yakhe, kothiwa ungumkrexezi. Kodwa ke ukuba ithe yafa indoda yakhe, woba ukhululekile emthethweni, aze angabi ngumkrexezi ukuba uthe waba ngowenye indoda.