Romans 7:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo ke, bazalwana bam! nani nenzwa nifile ngakuwo umteto ngawo umzimba ka‐Kristu; ukuba nina nibe ngabo abomnye, kwa abalowo ubevuswa ekufeni, ukuze nivelisele utixo izixakato.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoko ke, bazalwana bam, nani n abulawa nafa kuwo umthetho ngawo umzimba kaKristu, ukuba nibe kuwumbi, kulowo ke wavuswa kwabafileyo, ukuze sixakathe isiqhamo kuThixo thina.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke, bazalwana bam, nani n’abulawa nafa kuwo umthetho ngawo umzimba kaKristu; ukuze nibe kuwumbi, kulowo ke uvukileyo kwabafileyo, ukuze sixakathe isiqhamo kuThixo thina.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kukwanjalo ke nakuni, mawethu. Ngokumanywa nomzimba kaKrestu nani nafa ngokubhekiselele kumthetho kaMosis, ukuze nibe ngabomnye, ongulo Krestu ke owavuswa kwabafileyo. Le nto ke ibanga ukuba sibe nokumsebenzela uThixo.