Romans 8:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nokuba umoya walowo wamvusayo u‐Yesu ekufeni umi kuni, yena owavusa u‐Kristu ekufeni woyidlisa ubomi kwa imizimba yenu enokufa ngaye umoya wake omiyo kuni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba ke uMoya walowo wamvusayo uYesu kwabafileyo, umi ngaphakathi kwenu, yena owamvusayo uKristu kwabafileyo uya kuyenza iphile nemizimba yenu enokufa, ngaye uMoya wakhe omiyo ngaphakathi kwenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba ke uMoya walowo wamvusayo uYesu kwabafileyo, umi ngaphakathi kwenu, yena owamvusayo uKristu kwabafileyo uya kuyenza iphile nemizimba yenu enokufa, ngaye uMoya wakhe omiyo ngaphakathi kwenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba ke uMoya kaThixo owamvusayo uYesu ekufeni ukho kuni, neyenu imizimba uThixo uya kuyinika ubomi ngoMoya wakhe okhoyo kuni.