Romans 8:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba sisindiswe ngetemba: kodwa itemba elibonwayo alililo itemba; ngokuba oko akubonayo umntu, kuyinina ukuba unako nokukutembela?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba sasindiselwa ethembeni; ke ithemba elise libonwa asithemba; kuba oko akubonayo umntu, angaba usakuthembeleni na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kaloku sasindiselwa ethembeni; ke ithemba elise libonwa asithemba; kuba oko akubonayo umntu, angaba usakuthembeleni na?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Okunene naxa sisindisiwe nje, sisesethembeni. Ukuba ke siyayibona into esithembe ukuyifumana, asilothemba elo. Kaloku akukho mntu uthemba ukufumana into aseleyifumene.