Romans 8:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokunjalo ke nomoya uyanceda izilwelwe zetu: ngokuba singazi ukuba singe sitandazela nto nina njengoko kufanelekileyo; kodwa yena umoya ngokwake uyasitetelela ngezigulo ezingatetekiyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokukwanjalo ke noMoya uncedisana nokuswela kwethu amandla; kuba esingakuthandazelayo ngokoko simelwe kukuthandaza ngako, asikwazi; uthi ke uMoya ngokwakhe asithethelele ngezincwino ezingathethekiyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokukwanjalo ke noMoya uncedisana nokuswela kwethu amandla, kuba esingakuthandazelayo ngokoko simelwe kukuthandaza ngako, asikwazi; uthi ke uMoya ngokwakhe asithethelele ngezincwino ezingathethekiyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngokukwanjalo noMoya uyasixhasa ekusweleni kwethu amandla, kuba kaloku asiyazi eyona ndlela singathandaza ngayo. Kodwa ke kweso singqala sethu sikhohliwe uMoya ngokwakhe uyasithethelela.