Romans 8:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naye lowo uzipengululayo intliziyo uyazi into iyiyo inyamekelo yomoya, ukuba ebatetelela abangcwele njengako ukutanda kukatixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke oziphengululayo iintliziyo uyakwazi into okuyiyo ukunyameka koMoya; ngokuba ubathethelela abangcwele ngokukaThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke oziphengululayo iintliziyo uyakwazi into okuyiyo ukunyameka koMoya; ngokuba ubathethelela abangcwele ngokukaThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uThixo oziphengululayo iintliziyo uyazazi iingcamango zoMoya, kuba kaloku uMoya uthethelela abantu bakaThixo ngokwentando kaThixo.