Romans 8:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba oko umteto ubungenamandla ukukwenza, ekubeni ububutataka ngayo inyama, utixo etumile owake unyana ekufaneni kwenyama yesono, nangenxa yesono, wagweba isono enyameni;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba ekukhohlweni komthetho, ekubeni uswele amandla ngayo inyama, uthe uThixo, ethume owakhe uNyana, efana nenyama elawulwa sisono, emthume ngenxa yesono, wasigweba isono esenyameni leyo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba oko wawungenako umthetho, ngenxa yokuba uswele amandla ngayo inyama, uThixo wamthuma owakhe uNyana, ekwimeko yenyama enesono, ngenxa yesono, wasigweba isono esenyameni;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke wona umthetho wawungenako ukusikhulula, ngenxa yokonakala kwesimo sethu. Kodwa yena uThixo wamthumela uNyana wakhe, ekwisimo esifana nesimo sethu esonakeleyo, waza wasigweba isono emntwini wenyama negazi.